
Imibuzo emininzi kwanokunye okwamphatha kabuhlungu empumelelweni yakhe.
mvanje ndiye ndafumana incwadi evela apho irhafu ihlawulwa khona kusithiwa ndibatyala i-R900 000. Ninokubona ke ukuba imali endiyibilelayo ndabelana ngayo kunye nani nonke, utshilo ephika.
Usotheko ngale ngokuhlwa nokwachaza abaphumeleleyo kwiTV uMike Phantsi ephakamisa urnbuzo esithi ngaba Ie mbethi manqindi yaseMpuma Koloni iza kukhetha inkosikazi yaseBhayi okanye yaseMonti, uphendule ngesithonga sentshatsheli
Ee, ndiyintshatsheli engoyiswa. Ndilwe
kwiindawo ngeendawo, ndicinga ukuba
ndinokukhetha inkosikazi naphi na ehlabathini
Kuyabonakala ukuba ukuzithemba uVuyani
Bungu akubonisayo xa eseqongeni lamanqindi
kumsebenzela nakakuhle kwezinye iinkalo zobomi. 

ezemidlalo
Umdlali webhola
OBALULAYO
Sokudlal' ibhola
U
 

kufaka kukaDennis Vukubi amanqaku abalulekileyo emidlalweni kumsuse kumaqela amancinane aseJouberton eKlerksdorp waya kudlalela iqela leKaizer Chiefs .
Njengomnye wabadlali abasixhenxe abatsha abadlalela Amakhosi kule sizini, uVukubi waqala ukudlal ibhola eneminyaka emithandathu edlala ibhola yeplastikhi kwizitrato ezinothuli saseJouberton . Wawusithi xa umbukele ngelo xesha ejika-jika nebhola ubone ukuba kukude apho aya khona ebholeni .
Wathi akuzinikela ngokupheleleyo ebholeni uVukubi wazibandakanya neqela lalapho ekuthiwa yiMighty Greats FC , apho wabonwa ngabaphathi beKanana Pirates baza bamthatha.
Ndafika ndadlala kwiqela labadlali abaselula apho ndandidlala noAaron Ngwenya, uMichael Shata, uJeff Mazibuko noMolefi Ntshoelengoe, ukhumbula atsho.
Utata kaDoctor Khumalo, uEliakim Pro Khumalo ongasekhoyo waba negalelo elikhulu enkundakheni ngaloo minyaka yaye wayede andinike noqeqesho oluthe kratya bucala,
Ukususela ngoko ukudlal ibhola kukaVukubi kube namahlandinyuka. Wadlalela iqela Iamalalela leKaizer Chiefs , waza emva kwexesha wabolekwa yiRabali Blackpool ukuba ayoyidlalela kwimidlalo emithandathu yokugqibela kwisizini

UmdIali	weKaizer Chiefs , uDennis Vukubi, ungumdlali ozolileyo nonesiphiwo


ka-1996. Lathi elo qela lakudliwa lizembe waya kudlalela iCape Town Spurs apho wayedlala Benny McCarthy .
Kuthe ekupheleni kwesizini ka-1997/98, uVukubi waya kudlalela iVaal Professional nayo eyadliwa Iizembe
- nekulapho afike wazibonakalisa khona.
ukwiVaal Professionals ndandiphethwe okomdlali ophambili yaye ndandisazi ukuba nam kufuneka ndidlale njengomdlali ophambili, utsho uVukubi. Ukudlala kwakhe kakuhle apho kwamenza wafunwa ngamaqela amaninzi waza wagqibela ephindele kwiKaizer Chiefs .
Ukususela ngoko uVukubi ufike wayintandane kubalandeli beChiefs , ingakumbi emva kokufaka inqaku elibalulekileyo elenza iChiefs yantanganye neOrlando Pirates , nelenza ukuba iChiefs igqibele iyizuzile indebe ye-2006 World Cup Bid Challenge .
Njengomnye wabadlali abathandathu abatsha kwiChiefs , uVukubi ungundaba-mlonyeni kunye nomdlali abahlala naye, uJabu Pule.
Abadlali abaselula banesiphiwo sokudlal' ibhola yaye nangona kusafuneka sifunde ukuzithemba,
ndiqinisekile kungekudala siza kuba singabadlali abaphambili.
Nangona kunjalo uVukubi abayimiliselanga ebholeni kuphela ingqondo yakhe - usandul' ukuphumelela izifundo zeDiploma in Education , zifundo ezo ebezenza kwiminyaka emine edlulileyo ukususela oko wayengumfundi onempumelelo wasezamukulunga Senior Secondary apho waqala ukufunda khona kwibanga lesithandathu.
Ndifuna impumelelo ebholani nasemfundweni. Yiyo loo nto ndiyibona iminyaka emithathu endiyichithe eSoweto College ukususela ngo-1994 ukuya ku-1996 ndingasokuze ndiyilibale ebomini. Ndandiqhuba kakuhle ezifundweni zam nasekudlaleni ibhola apho sinoHelman Mkhalele noJoseph. Ngake sasilenza iqela leKholeji liphumelele kuzo zonke iitumente , utshilo uVukubi.
Ngoku ndifuna ukubalasela ebholani ukuze ngenye imini ndizibone ndidlalela iqela lelizwe laseIthali ekulelona lizwe ndilithandayo. Ndakuyeka ukudlal' ibhola ndinqwenela ukuba ngumlawuli wayo, uqwele ngelitshoyo okaVukubi.


ka-1996. Lathi elo qela lakudliwa lizembe waya kudlalela iCape Town Spurs apho wayedlala Benny McCarthy .
Kuthe ekupheleni kwesizini ka-1997/98, uVukubi waya kudlalela iVaal Professional nayo eyadliwa lizembe
- nekulapho afike wazibonakalisa khona.
KwiVaal Professionals ndandiphethwe okomdlali ophambili yaye ndandisazi ukuba nam kufuneka ndidlale njengomdlali ophambili, utsho uVukubi. Ukudlala kwakhe kakuhle apho kwamenza wafunwa ngamaqela amaninzi waza wagqibela ephindele kwiKaizer Chiefs .
Ukususela ngoko uVukubi ufike wayintandane kubalandeli beChiefs , ingakumbi emva kokufaka inqaku elibalulekileyo elenza iChiefs yantanganye neOrlando Pirates , nelenza ukuba iChiefs igqibele iyizuzile indebe ye-2006 World Cup Bid Challenge .
Njengomnye wabadlali abathandathu abatsha kwiChiefs , uVukubi ungundaba-mlonyeni kunye nomdlali abahlala naye, uJabu Pule.
Abadlali abaselula banesiphiwo sokudlal' ibhola yaye nangona kusafuneka sifunde ukuzithemba,
ndiqinisekile kungekudala siza kuba singabadlali abaphambili.
Nangona kunjalo uVukubi abayimiliselanga ebholeni kuphela ingqondo yakhe usandul' ukuphumelela izifundo zeDiploma in Education , zifundo ezo ebezenza kwiminyaka emine edlulileyo ukususela oko wayengumfundi onempumelelo waseZamukulunga Senior Secondary apho waqala ukufunda khona kwibanga lesithandathu.
Ndifuna impumelelo ebholeni nasemfundweni. Yiyo loo nto ndiyibona iminyaka emithathu endiyichithe eSoweto College ukususela ngo-1994 ukuya ku-1996 ndingasokuze ndiyilibale ebomini. Ndandiqhuba kakuhle ezifundweni zam nasekudlaleni ibhola apho sinoHelman Mkhalele noJoseph Ngake sasilenza iqela leKholeji liphumelele kuzo zonke iitumente , utshilo uVukubi.
Ngoku ndifuna ukubalasela ebholeni ukuze ngenye imini ndizibone ndidlalela iqela Ielizwe laseIthali ekulelona lizwe ndilithandayo. Ndakuyeka ukudlal' ibhola ndinqwenela ukuba ngumlawuli wayo, uqwele ngelitshoyo okaVukubi.

